2 Samuel 19:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Barezilai wati kukumkani: Yoba mingapina imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke nokumkani ukuya e‐Yerusaleme?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBharzilayi kukumkani, Mingaphi na imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBharisilayi kukumkani, Lixesha lingakanani na elisaseleyo, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uBhazilayi: “Mhlekazi, seyimbalwa imihla yokudla kwam ubomi; ndiza kuba sahambela ntoni ukuya nokumkani eJerusalem?