2 Samuel 19:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndingominyaka imashumi asibozo ubudala bam namhla: ndinokuqiqa na pakati kwokumnandi nokubi? isicaka sako sinokuva na oko endikudlayo nendikuselayo? ndisenako na ukupulapula ilizwi labaculi nelabaculikazi? kunganina ke ukuba isicaka sako sibe sisengumtwalo kuyo inkosi yam ukumkani?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Namhla ndiminyaka imashumi asibhozo ndizelwe; ndinako na ukwazi okulungileyo kokubi? Unako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? Ndisenako na ukuva ilizwi leemvumi neleemvumikazi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumthwalo kwinkosi yam ukumkani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Namhlanje ndiminyaka imashumi asibhozo ubudala, yaye ndinako na ukwahlula phakathi kokulungileyo nokubi? Unako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? ndisenako na ukuva amazwi eemvumi neentombi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumthwalo enkosini yam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sendimashumi asibhozo ubudala; akusekho nto imnandi nembi kum. Ukutya nento eselwayo azisenancasa kum; andisawuva nomculo weemvumi neemvumikazi. Ndingasuka ndibe ngumthwalo kuwe ngoku, mhlekazi, nkosi yam.