2 Samuel 19:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isicaka sako siya kuwela i‐Yoredane nokumkani ukuya umganyana wodwa: kunganina ke ukuba ukumkani andivuze ngomvuzo onjalo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela ke iYordan nokumkani umzuzwana; yini na ukuba ukumkani andiphathe ngale mpatho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela iYordan nokumkani umgama omfutshane; yini na ukuba ukumkani andibuyekeze ngalo mvuzo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Noko andikufanelanga ukuba ukumkani andivuze ngolo hlobo. Ndiza kuhamba nje ithutyana, ndikukhaphe uwele iJordan,