2 Samuel 19:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makesibuye isicaka sako, ukuba ndibubele esixekweni sam, ngasencw̔abeni lobawo noma̔. Kodwa nasi isicaka sako u‐Kimuhame; masiwele nenkosi yam ukumkani; uze usenzele oko kulungileyo emehlweni ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makhe abuye umkhonzi wakho lo, ukuze ndifele emzini wam, ngasengcwabeni likabawo noma. Nanko umkhonzi wakho, uKimham;makuwele yena nenkosi yam ukumkani, umenzele okulungileyo emehlweni akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makabuye umkhonzi wakho, ndifele emzini wakowethu, ndingcwatyelwe engcwabeni likabawo noma. Nanko umkhonzi wakho uKiham; makawele nokumkani, nkosi yam; wenze okulungileyo kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
emva koko ndijike ndigoduke, ndiye kufela ngakumathambo kabawo noma. Nasi isicaka sakho uKimam; ungahamba naso, mhlekazi, usenzele loo nto wena ubona ukuba isilungele.”