2 Samuel 19:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati ukumkani: u‐Kimuhame uya kuwela nam, ndandiya kumenzela oko kulungileyo emehlweni ako; nako konke uya kukufuna kum, ndiya kukwenzela kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, UKimham wowela nam, ndimenzele mna okulungileyo emehlweni akho; nento yonke othe wayinyula, wayibeka phezu kwam, ndokwenzela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ukumkani, wathi, uKiham wowela nam, ndikwenzele okulungileyo; nento othe wayicela kum, ndokwenzela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ukuphendula ukumkani: “Makahambe nam uKimam; ndomenzela into efunwa nguwe. Wena ndingakwenzela nantoni na oyifunayo.”