2 Samuel 19:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bada bonke abantu bawela i‐Yoredane; wawela nokumkani: wandula ukumkani wamanga u‐Barezilai, wamtamsanqelisa; owabuya waya endaweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawela ke bonke abantu eYordan. Ewelile ukumkani, ukumkani wamanga uBharzilayi, wamsikelela; waza wabuyela endaweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lonke uhlanga lwawela iYordan; Akufika ukumkani, ukumkani wamanga uBharsilayi, wamsikelela; wagoduka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayiwela ke iJordan ukumkani uDavide nawo onke amadoda omkhosi wakhe. Uthe akuba ngaphesheya wajika wanga uBhazilayi, wamthamsanqela, waza ke uBhazilayi wajika wagoduka.