2 Samuel 19:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wadlulela e‐Gilegale, no‐Kimuhame wadlula naye: bati bonke abantu bakwa‐Juda bamwelisa ukumkani, kwa nesinye isiqingata sabantu bakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawela ke ukumkani, waya eGiligali, wawela ke naye uKimham; bonke abantu bakwaYuda bamweza ukumkani, kwanesiqingatha sabantu bakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawela ke ukumkani, waya eGiligali, wahamba naye uKiham; yaye bonke abantu bakwaYuda bakhokela ukumkani nenxalenye yesihlanu yabantu bakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akuwela ukumkani ekhatshwa ngawo onke amadoda akwaJuda nenxalenye yamadoda akwaSirayeli, waya eGiligali. Wayelapho noKimam.