2 Samuel 19:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU bona ke, onke amadoda akwa‐Sirayeli eza kukumkani, ati kukumkani: Yinina ukuba abazalwana betu, amadoda akwa‐Juda, bakubi̔le, nokuba bawezile ukumkani nabendlu yake i‐Yoredane, nawo onke amadoda ka‐Davide kunye naye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanko kusiza onke amadoda akwaSirayeli kukumkani, athi kukumkani, Yini na ukuba abazalwana bethu, amadoda akwaYuda, bambe, bamweze ukumkani nendlu yakhe eYordan, enamadoda onke kaDavide?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eza onke amadoda akwaSirayeli kukumkani, athi kukumkani, Yini na ukuba abazalwana bethu, amadoda akwaYuda, bebele kuwe, bamthuthuzele ukumkani nendlu yakhe namadoda onke kaDavide eYordan?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko amaSirayeli onke aya kukumkani, afika athi: “Mhlekazi, ngaba abantakwethu abaya bakwaJuda babuthathe phi ubuganga bokukuthatha eJordan nomzi wakho uphela?”