2 Samuel 19:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula onke amadoda akwa‐Juda apendula ngakuwo amadoda akwa‐Sirayeli, ati: Ngokuba ukumkani esalamana nati; kunganina ke ukuba niqumbile pezu kwalendawo? sike sadla na okuvela kukumkani? uke wasibasela ngebaso na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphendula onke amadoda akwaYuda kumadoda akwaSirayeli, athi, Kungokuba ukumkani esalamana nathi; yini na ukuba nivuthe ngumsindo ngale ndawo? sikhe sadla nto na kukumkani? sikhe saphiwa nto na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphendula onke amadoda akwaYuda kumadoda akwaSirayeli, athi, Kungokuba ukumkani ekufuphi kuthi; ngoku uqumbele ntoni ngalento? Ngaba sikhe satya na ngemali yokumkani? Okanye ngaba usinike isipho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Onke amadoda akwaJuda awaphendula awakwaSirayeli athi: “Loo nto siyenze ngenxa yokuba nathi sibanye nokumkani. Yintoni ke ekhathazayo kuloo nto, engasihlawuleli nakutya nje, kungekho nanto asenzele yona?”