2 Samuel 19:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amadoda akwa‐Sirayeli apendula amadoda akwa‐Juda, ati: Tina sinezahlulo ezilishumi kuye ukumkani, kwa nakuye u‐Davide, ngapezu kwenu; kunganina ke ukuba nisidelile? besingenalo ilizwi letu kuqala ke na, lokuba kubuyiswe ukumkani wetu? Kodwa ilizwi lamadoda akwa‐Juda belilukuni ngapezu kwelizwi lamadoda akwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphendula amadoda akwaSirayeli kumadoda akwaYuda, athi, Sinezahlulo ezilishumi thina kukumkani nakuDavide sinokungaphezu kwenu; yini na ukuba nisicukuceze? Ilizwi lethu lokumbuyisa ukumkani wethu belingaqale kuthi yini na? Laba lukhuni ilizwi lamadoda akwaYuda kunelizwi lamadoda akwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphendula amadoda akwaSirayeli kumadoda akwaYuda, athi, Sinezabelo ezilishumi kukumkani, kananjalo sinegunya ngaphezu kwenu kuDavide kunani; siyambuyisela ukumkani wethu? Yaye ilizwi lamadoda akwaYuda lalinamandla kunamadoda akwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aphendula amadoda akwaSirayeli athi kumadoda akwaJuda: “Sinebango eliphindwe kalishumi kunani kukumkani. Ke ngoko sinelungelo kuye kunani. Ngani ke ukuba nisidele? Sanukulibala ukuba sithi kaloku esathetha kuqala ngokulandwa kukakumkani.” Amadoda akwaJuda ayegadlela wona kunamaSirayeli ekwenzeni elawo ibango ngokumkani.