2 Samuel 19:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jowabi weza kukumkani endlwini, wati: Udanisile namhla ubuso bazo zonke izicaka zako, ezisindisileyo namhla ubomi bako, nobomi bonyana bako nobentombi zako, nobomi babafazi bako, nobomi bamashweshwe ako,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uYowabhi kukumkani endlwini, wathi, Ubudanisile namhla ubuso babakhonzi bakho bonke, abawusindisileyo namhla umphefumlo wakho, nomphefumlo woonyana bakho noweentombi zakho, nomphefumlo wabafazi bakho, nomphefumlo wamashweshwe akho,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena uYowabhi endlwini yokumkani, wathi, Ubenze inqambi namhla ubuso babakhonzi bakho bonke abakusindisileyo namhla, nomphefumlo woonyana bakho, neentombi zakho, nomphefumlo wabafazi bakho; Yehova, nobomi bezithende zakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka uJowabhi, waya endlwini kakumkani, wafika wathi kukumkani: “Namhlanje uwaphoxile amadoda omkhosi wakho, nditsho amadoda asindise ubomi bakho, ubomi boonyana neentombi zakho, nabafazi bakho namaqadi akho.