2 Samuel 19:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku suka, upume, utete kwintliziyo zezicaka zako: ngokuba ndifunga uyehova, ungapumi nje, akuyi kulalisa mntu nawe obubusuku: oku ke kwoba kubi kuwe, ngapezu kwabo bonke ububi ubuhlelwa bubo kwa sebutsheni bako kude kwangoku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Vuka kaloku, uphume, uthethe kakuhle nabakhonzi bakho;ngokuba ndifunga uYehova; ukuba akuthanga uphume, inene, akuyi kuhlala mntu nawe ngobu busuku; kube kubi kuwe oko, ngaphezu kobubi bonke obukufikeleyo, kuthabathela ebuncinaneni bakho kuzise kweli xesha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Vuka ke ngoko, uhambe, uthethe kakuhle nabakhonzi bakho; ngokuba ndifunga uYehova, ndithi, ukuba anithanga niphume, inene, akukho mntu uya kuhlala nani ngobu busuku; kuya kuba kubi ngaphezu kobubi bonke obuzayo wena kwasebuncinaneni bakho kude kube ngoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hamba ke ngoku, uye kuthetha nawo uwancome la madoda, kuba ngomso kusasa kobe kungekho nanye kuwo ehamba nawe, xa ungayenzanga loo nto. Ndifunga *uNdikhoyo! Loo nto ke yoba lelona shwangusha wakha wanalo ebomini bakho ukususela ebutsheni bakho ukuza kuthi ga ngoku.”