2 Samuel 19:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wesuka, wahlala esangweni. Kwaza kwaxelwa kubo bonke abantu ukuti: Nanku ukumkani ehleli esangweni. Basuka bonke abantu beza ebusweni bokumkani; kodwa ama‐Sirayeli ebesabele amanye ngamanye ezintenteni zawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka ke ukumkani, wahlala esangweni; kwaxelwa ebantwini bonke, kwathiwa, Nanko ukumkani ehleli esangweni. Beza ke bonke abantu phambi kokumkani. Ke amaSirayeli abesabile, elowo waya ententeni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka ukumkani, wahlala esangweni. Baxelelwa abantu bonke, kwathiwa, Nanko ukumkani ehleli esangweni. Beza bonke abantu phambi kokumkani; ngokuba oonyana bakaSirayeli babebaleke, elowo waya ententeni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Usukile ukumkani, waya kuhlala ngasesangweni lesixeko. Axelelwa onke amadoda kwathiwa: “Ukumkani uhleli ngasesangweni.” Abuthelana ngakukumkani ke amadoda omkhosi wakhe. Ngeli xesha ayeselebalekile onke amaSirayeli, indoda nganye iye kowayo.