2 Samuel 19:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BAZA bapikisana bonke abantu, pakati kwezizwe zonke zama‐Sirayeli, besiti: Ukumkani wasihlangula esandleni sentshaba zetu, wasisindisa esandleni sama‐Filistiya; kodwa ngoku wesabile elizweni ngenxa ka‐Abasalome;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu bonke babephikisana ezizweni zonke zakwaSirayeli, besithi, Ukumkani wasisiza esandleni seentshaba zethu, wasisindisa esandleni samaFilisti; ngoku ubalekile kweli lizwe ngenxa ka-Abhisalom;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Basuka ke bonke abantu baxabana ezizweni zonke zakwaSirayeli, besithi: “uYehova usihlangule esandleni seentshaba zethu, yaye usihlangule esandleni samaFilisti; wabaleka ke ngoku ebusweni buka-Abhisalom, ezweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Afika axabana odwa kuwo wonke loo mmandla. Kwakukho athi: “UDavide wawasindisa kwiintshaba zawo amaSirayeli, wawahlangula esandleni samaFilistiya. Ngoku ubaleke uAbhasalom, walishiya lodwa ilizwe.