2 Samuel 2:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabuza kuyehova, esiti: Ndiya kunyuka na ndiye kwesinye sezixeko zakwa‐Juda? Wayesiti uyehova kuye: Nyuka. Waza u‐Davide wati: Ndiya kunyukela pina? Wati: e‐Hebrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyuke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka.Wathi uDavide, Ndinyuke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni koko wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyuke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Vuka! Wathi uDavide, Ndinyuke ndiye phi na? Wathi yena: “YiHebron!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Ndingaya kuhlala na kwesinye sezixeko zakwaJuda?” UNdikhoyo wathi: “Yiya.” Wabuza uDavide wathi: “Mandiye phi?” Wathi uNdikhoyo: “Yiya eHebron.”