2 Samuel 2:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebengominyaka imashumi mane u‐Shiboshete unyana ka‐Saule ubudala bake, akuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli; wapata ubukumkani iminyaka yamibini. Kodwa indlu ka‐Juda ibimlandela u‐Davide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UIshbhoshete, unyana kaSawule, ebeminyaka imashumi mane ezelwe, ekwenziweni kwakhe ukumkani kumaSirayeli, wangukumkani iminyaka emibini. Kodwa indlu yakwaYuda yalandela uDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uIshe-bhoshete, unyana kaSawule, ubeminyaka imashumi mane ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe kwaSirayeli, waba neminyaka emibini engukumkani. Ke indlu yakwaYuda yamlandela uDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waba ngukumkani xa emashumi mane ubudala uIshbhoshete unyana kaSawule, walawula iminyaka yamibini. Isizwe sakwaJuda sona sasiphantsi kukaDavide.