2 Samuel 2:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanjalo u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya, nezicaka zika‐Davide, bapuma, bahlangana nabo ngasecibini lase‐Gibeyone: baza bahlala pantsi, aba ngelinye icala lecibi, nabo ngelinye icala lecibi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowabhi unyana kaTseruya nabakhonzi bakaDavide baphuma baza baqubisana echibini laseGibheyon; bahlala phantsi, omnye ekweli cala lebhafu, omnye ekweliya icala lebhafu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngasechibini laseGibheyon bahlangana noJowabhi, owayezalwa nguZeruya. UJowabhi wayehamba namanye amaphakathi kaDavide. Bahlala phantsi bonke, elinye iqela likweli cala lechibi, elinye likweliya.