2 Samuel 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza esuka, adlula ngenani; ishumi linamabini amadodana akwa‐Benjamine, abengaka‐Shiboshete unyana ka‐Saule, neshumi linamabini ezicakeni zika‐Davide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula besuka bema baza badlula kwinani lamaBhenjamin alishumi elinesibini kuIshbhoshete unyana kaSawule neshumi elinesibini labakhonzi bakaDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwasuka ishumi elinambini labafana limele uIshbhoshete unyana kaSawule ngakwicala lakwaBhenjamin, baqubisana neshumi elinambini labafana becala likaDavide.