2 Samuel 2:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka abambana ngentloko, ahlaba enye ngeṙele layo ecaleni lenye, awa kwa kunye; ngako londawo ibibizwa ngokuti yi‐Helekate‐hatsurime, ese‐Gibeyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweni-nye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim eseGibheyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ngamnye wabamba iqabane lakhe ngentloko waza waxabela kulo ngekrele lakhe ethangeni; ngoko ke bawa kunye. Kungenxa yoko le nto loo ndawo kuthiwa yiHelekati-hasurim eGibheyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfana ngamnye wayebamba lowo akhuphisana naye entloko, amgwaze ngekrele ephangweni. Loo nto ke yatsho bafa kunye bonke. Loo ndawo ke eGibheyon kuthiwa yiHelekati-hazurim.