2 Samuel 2:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abenere wati kuye: Shenxela ngasekunene kwako, umhlaumbi ngasekohlo kwako, uyibambe enye yamadodana, utabate izixo̔bo zayo. Kodwa u‐Hasaheli ebengavumi ukupambuka ekumlandeleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAbhinere kuye, Tyekela ngasekunene kwakho, nokuba kungasekhohlo kwakho, ubambe enye kumadodana, uzithabathele isikrweqe sayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAbhinere kuye, Jika uye ekunene, nokuba uye ekhohlo, bamba enye kumadodana, uthabathe iintonga zayo. Akavumanga uAsayeli ukutyeka ekumlandeleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhinere wathi: “Sukusukela mna, mfondini. Leqa, naliya ijoni, uthathe amaxhoba lawo liwaphetheyo.” Akayihoyanga loo nto yena uAsayeli, wasuka wee ngcembe emva koAbhinere.