2 Samuel 2:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wala ukupambuka: ngako u‐Abenere wambeta ngencam yasemva yentshuntshe esiswini, yada intshuntshe yapumela emva kwake; waza wawa kona, wafa endaweni yake: kwaza kwati, bonke abezayo kulondawo, apo wawayo u‐Hasaheli wafa kona, bati uqumama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo.Bathi bonke abafika kuloo ndawo wawa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akavuma ukutyeka; ngoko ke, uAbhinere wamgwaza ngomva wentshuntshe phantsi kwentamo yakhe; wawa khona, wafela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wala uAsayeli. Usuke uAbhinere wabinza ngasemva, wamthi gobho esiswini ngomkhonto, watsho waya kugqobhozela emqolo loo mkhonto. Wajuba wawa uAsayeli, wafela kuloo ndawo. Wonke umntu osondela kuloo ndawo wayefele kuyo uAsayeli, wayefika eme nematha.