2 Samuel 2:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abenere wabiza ku‐Jowabi, wati: Iṙele liya kudla kude kube ngunapakade na? akwazi na ukuba kwobako ubuṙaṙa ekupeleni? kwoda kube ninina ke ungayi kuxelela abantu, ukuba mababuye ekulandeleni abazalwana babo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhinere wambiza uYowabhi, wathi, Uya kuhlala upheliswa na umkhonto? Anazi na, ukuba isiphelo siya kuba krakra? Kuya kuthatha ixesha elingakanani phambi kokuba uyalele abantu ukuba babuyele emva baye kuleqa abazalwana babo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhinere wamemeza wathi kuJowabhi: “Mfondini, liya kudla kude kube nini na ikrele? Akuqondi na wena ukuba le nto iza kugqibela sekukho intiyo phakathi kwethu, ukanti ningabantakwethu? Nakuyeka nini kodwa ukusukelana nathi?”