2 Samuel 2:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Jowabi: Ehleli nje uyehova, ukuba ubungatetanga, ngenyaniso oko kwa kusasa bange benyukile abantu abanye ngabanye ekulandeleni abazalwana babo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowabhi, Ehleli nje uYehova, ukuba bekungathelekiswanga nguwe, inene, ngebenyuswe bemka kwangokuya kwakusasa abantu, elowo akamsukela umzalwana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowabhi, NgoYehova ovileyo, ukuba bekungathanga uthethe, bavuka kusasa abantu, elowo kubazalwana bakhe, bamlandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule ngelithi uJowabhi: “Ekho nje uThixo, inene, ukuba ubungathethanga besiza kunileqa kude kuse.”