2 Samuel 2:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula eza amadoda akwa‐Juda, amtambisa kona u‐Davide abe ngukumkani pezu kwendlu ka‐Juda. Kwaye kuxelwa ku‐Davide, kusitwa: Amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi angabo abamncw̔abileyo u‐Saule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda. Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabayo uSawule.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide, ukuba abe ngukumkani wendlu yakwaYuda. Waxelelwa uDavide, kwathiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi ngawo abeze kuSawule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Afika ke amadoda akwaJuda, eze kumthambisa uDavide apho eHebron ukuba abe ngukumkani wakwaJuda. Zithe zakufika kuDavide iindaba zokuba abantu baseJabheshe eGiliyadi bamngcwabile uSawule,