2 Samuel 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda obuṙoti; ngokuba ifile inkosi yenu, u‐Saule; kanjalo nam indlu ka‐Juda inditambisile ndibe ngukumkani pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda anobukroti; ngokuba ifile inkosi yenu uSawule. Kananjalo indithambisile indlu yakwaYuda ukuba ndibe ngukumkani wayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku mazomelele izandla zenu nibe nesibindi, ngenxa yokuba uSawule ukumkani wenu ufile, yaye nendlu kaYuda indithambisile ukuba ndibe ngukumkani wayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze niqine, ningoyiki ngenxa yokuba inkosi yenu uSawule ingasekho. Abantu bakwaJuda bandithambisile ndaba ngukumkani wabo.”