2 Samuel 20:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwahla kwabako kona indoda yobunginingini, egama belingu‐Sheba, unyana ka‐Bikeri, um‐Benjamine: yona yavutela ngexilongo, yati: Asinasabiwo ku‐Davide, asinalifa kuye unyana ka‐Jese; abanye ngabanye ezintenteni zabo, bo‐Sirayeli!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi gaxa khona indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhikri, umBhenjamin. Yavuthela isigodlo, yathi, Asinasabelo thina kuDavide, asinalifa kunyana kaYese; yiyani elowo ezintenteni zenu, maSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhigi, umBhenjamin; wavuthela isigodlo, wathi, Asinasabelo kuDavide, singenalifa kunyana kaYese. Maye elowo ententeni yakhe, Sirayeli!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho eGiligali kwakukho itshijolo elithile lomfo ogama linguShebha, unyana kaBhikri wesizwe sakwaBhenjamin. Wasuka wabetha isigodlo sakhe, wamemelela esithi: “Asinasahlulo kuDavide, singenalifa kunyana kaJese. Elowo makaye endlwini yakhe, maSirayeli!”