2 Samuel 20:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa u‐Hamasa ebengalumkeli iṙele elibe lisesandleni sika‐Jowabi: waza wambeta ngalo esiswini, wapalaza amatumbu ake ngasemhlabeni, engampindelanga ke: wada wafa. Basuka u‐Jowabi no‐Abishai umzalwana wake bamputuma u‐Sheba unyana ka‐Bikeri.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uAmasa ubengalilumkele ikrele elibe lisesandleni sikaYowabhi. Wamhlaba ngalo esiswini, wamphalaza izibilini emhlabeni, akaphinda amhlabe; wafa. UYowabhi noAbhishayi umzalwana wakhe bamsukela uShebha, unyana kaBhikri.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akaliphulaphulanga uAmasa ikrele elalisesandleni sikaYowabhi; wafa ke. uYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe basukela uShebha, unyana kaBhigi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAmasa wayengalilumkelanga ikrele elalisesandleni sikaJowabhi, wamhlaba ngalo esiswini, wamkhupha amathumbu. Wafa kwangoko, akwafuneka ukuba abuye amhlabe uJowabhi. Basuka apho uJowabhi nomntakwabo uAbhishayi bangena endleleni, belandela uShebha unyana kaBhikri.