2 Samuel 20:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Hamasa waqikaqikeka egazini pakati kwomendo. Yati yakubona indoda leyo ukuba abantu bonke bema, yamsusa u‐Hamasa emendweni yambeka ngasendle, yaposa ingubo pezu kwake, ngokokuba ebebona bonke ababesiza ngakuye ukuba bema.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmasa watyikatyikeka egazini emendweni. Yabona indoda leyo, ukuba abantu bonke bathe nqumama, yamsusa uAmasa emendweni, yamshenxisela ecaleni, yaphosa ingubo phezu kwakhe;ngokokuba ibibona bemana ukuthi nqumama bonke abafika kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAmasa yena wayelele igazi phezu kohola wendlela. Indoda leyo yakubona ukuba abantu bonke bamile, yamthabatha uAmasa emendweni, yamsa emaphandleni, yaphosa ingubo phezu kwakhe, yababona bemile bonke abezayo kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isidumbu sika-Amasa esasilijaja ligazi sasiqungquluze phakathi endleleni. Loo ndoda yathi yakubona amadoda afika eme apho, yasirhuqela entsimini eso sidumbu, yasigquma ngengubo.