2 Samuel 20:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka beza bamvingcela e‐Abele‐bete‐mahaka, baposela indulana ngakuso isixeko, eyemayo ngakulo udonga lwapandle: baza bonke abantu ababeno‐Jowabi balwonakalisa udonga, ukuze baluwise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafika bayingqinga iAbhele-bhete-maga, bawuphosa ngodaka, bema emhadini onke amadoda abenoYowabhi aludiliza udonga, ukuze aludilize.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowabhi nomkhosi wakhe bamngqinga uShebha apho eAbhele-bhete-mahaka. Benza amanqwanqwa ngomhlaba okuqabela udonga lwangaphandle, bemba ngaphantsi kodonga, befuna ukuluwisa.