2 Samuel 20:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuba esondele kuye, wati umfazi: Ungu‐Jowabi na? Wayesiti: Ndinguye. Waza wati kuye: Yiva amazwi esicakakazi sako. Wayesiti: Ndiyeva mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasondela ke kuyo; yathi loo ntokazi, UnguYowabhi na?Wathi, Ndinguye. Yathi kuye, Phulaphula amazwi omkhonzazana wakho. Wathi, Ndiyeva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika kuye; yathi loo ntokazi, UnguYowabhi na? Waphendula ke yena wathi, Ndinguye. Wathi kuye, Yiva amazwi omkhonzazana wakho. Waphendula ke yena wathi, Ndiyeva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Efikile uJowabhi, wabuza loo mfazi wathi: “UnguJowabhi?” Wathi: “Ewe, ndinguye.” Umfazi lowo wathi kuye: “Khawuphulaphule ke, mhlekazi, oko isicakazana sakho sikuthethayo.” Yena wathi: “Ewe, qhuba, ndimamele.”