2 Samuel 20:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lendawo ayinjalo; koko indoda yasentabeni yakwa‐Frayime, ngu‐Sheba, unyana ka‐Bikeri, igama layo, ipakamisile isandla sayo ngakuye ukumkani, ngakuye u‐Davide; yinikeleni yona yodwa, ndandiya kumka esixekweni. Wayesiti umfazi ku‐Jowabi: Bona ke, intloko yayo iya kuposwa kuwe pezu kwodonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, akunjalo; kusuke indoda yasezintabeni zakwaEfrayim, enguShebha ngegama, unyana kaBhikri, yasiphakamisa isandla sayo kukumkani, kuDavide; khuphani yona yodwa, ndomka kulo mzi.Yathi loo ntokazi kuYowabhi, Yabona, intloko yayo iya kugityiselwa kuwe phezu kodonga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbandela awunjalo, kodwa indoda yentaba yakwaEfrayim, egama linguSebha, unyana kaBhikri, yaphakamisa isandla sayo kukumkani, nxamnye noDavide; mgcine, ndowushiya umzi. Yathi inkazana kuYowabhi, Yabona, intloko yakhe iya kuwa eludongeni, ngenxa yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asiyiyo injongo yam leyo. Kukho umfo okuthiwa nguShebha, unyana kaBhikri wakweleentaba kwaEfrayim; nguye oqale olu dushe ngokuvukela ukumkani uDavide. Mkhupheni ngaphandle; ndosiyeka esi sixeko.” “Kulungile, intloko yakhe soyijula ngaphandle kodonga,” utshilo loo mfazi.