2 Samuel 20:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula umfazi waya kubo bonke abantu ngobulumko bake. Baza banqumla intloko ka‐Sheba unyana ka‐Bikeri, bayiposa ku‐Jowabi. Wasuka wavutela ngexilongo, bada baciteka esixekweni, besiya abanye ngabanye ezintenteni zabo. Waza u‐Jowabi wabuyela e‐Yerusaleme kukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaya loo ntokazi kubantu bonke ngobulumko bayo. Bayinqumla ke intloko kaShebha, unyana kaBhikri, bayigibisela kuYowabhi.Wavuthela isigodlo, baphangalala bemka kuloo mzi, elowo waya ententeni yakhe. UYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaya loo ntokazi kubo bonke abantu ngobulumko bayo. Bayinqumla ke intloko kaShebha, unyana kaBhigi, bayiphosa ngaphandle koYowabhi. Wavuthela isigodlo, baphuma kuloo mzi, elowo waya ententeni yakhe. uYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabuyela kubemi balapho necebo lakhe, bamnqumla intloko uShebha, bayijula ngaphandle kodonga kuJowabhi. Wasivuthela isigodlo, amadoda akhe ayeka ukusihlasela isixeko, agoduka. Wenjenjeya noJowabhi ukubuyela kukumkani eJerusalem.