2 Samuel 20:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Jowabi ebepezu kwawo wonke umkosi wo‐Sirayeli; no‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, ebepezu kwaba‐Kereti napezu kwaba‐Peleti;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uYowabhi wawuphatha wonke umkhosi wakwaSirayeli;uBhenaya, unyana kaYehoyada, waphatha abancinithi nezigidimi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowabhi wayephethe umkhosi wonke wakwaSirayeli, yaye uBhenaya unyana kaYehoyada wayephethe amaKrete namaPleti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umphathi-mkhosi wakwaSirayeli yayinguJowabhi. Abalindi bakakumkani uDavide abangamaKreti namaPleti umphathi wabo yayinguBhenaya unyana kaJoyada.