2 Samuel 20:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiza u‐Davide endlwini yake e‐Yerusaleme; waza ukumkani watabata abafazi abangamashweshwe bolishumi, abo wabashiya ukulinda indlu, wabafaka endlwini yokugcinela, wabafunzela, kodwa akangena kubo: kwa njalo bavalelwa kwada kwangumhla wokufa kwabo, behleli ngobuhlolokazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uDavide endlwini yakhe eYerusalem; ukumkani wabathabatha abafazi bakhe abalishumi abangamashweshwe, abebashiyile ukuba bagcine indlu, wababeka endlwini yogcino, wabaxhasa, akangena kubo. Bavalelwa ke yada yaba yimini yokufa kwabo, behleli bengabahlolokazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wafika endlwini yakhe eYerusalem; Ukumkani wathabatha abafazi abalishumi kwizithende zakhe, abebashiyile ukuba balinde indlu, wababeka elugcinweni, babagcine, akangena nabo. Bavalelwa ke entolongweni kwada kwayimini yokufa kwabo, behleli njengabahlolokazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uDavide akufika komkhulu eJerusalem, wawathatha lawo maqadi akhe alishumi ayesele ejonge ikomkhulu, wathi makajongwe ngabalindi. Wayebondla, kodwa akabuyanga ahlangane nabo, bahlala ubomi bobuhlolokazi bonke ubomi babo.