2 Samuel 20:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Hamasa waya ukubiza ndawonye amadoda akwa‐Juda; kodwa walibala ngapezu kwexesha elimisiweyo, elo wabemmisele lona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmasa waya kuwahlabela umkhosi amaYuda, walibala ngaphezu kwexesha abemiselwe lona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAmasa waya kuwahlanganisa amadoda akwaYuda, walibala ngaphezu kwexesha abemiselwe lona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahamba uAmasa, esiya kubiza amaJuda, kodwa akabuya ngosuku awayemiselwe lona ngukumkani.