2 Samuel 21:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAZA kwabako indlala emihleni ka‐Davide iminyaka yamitatu, ngomnyaka ngomnyaka; waza u‐Davide wafuna ubuso bukayehova. Wayesiti uyehova: Ingenxa ka‐Saule nangenxa yendlu yamagazi, ngokokuba wabulala aba‐Gibeyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kwabakho indlala ngemihla kaDavide iminyaka yamithathu, umnyaka ngomnyaka. UDavide wafuna ubuso bukaYehova. Wathi uYehova, Kungenxa kaSawule, nangenxa yendlu yamagazi akhe, ngenxa enokuba wabulala abaseGibheyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabakho indlala ngemihla kaDavide iminyaka emithathu ilandelelana; uDavide wabuza kuYehova. Wathi uYehova, Kungenxa kaSawule nagazi lakhe, ngokuba wawabulala amaGibheyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabakho indlala enkulu eyathatha iminyaka emithathu ngexesha kulawula uDavide. UDavide wafuna ukuqonda *kuNdikhoyo, waza uNdikhoyo wathi: “Kungenxa kaSawule nokuphalaza kwendlu yakhe igazi mhla wababulalayo abantu baseGibheyon.”