2 Samuel 21:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Ritsepa intombi ka‐Aya watabata intlakantlaka, wazolulela yona elulwalweni, kwa sekuqaleni kwokuvuna kwada kwatululwa amanzi pezu kwabo ezulwini, engavumelanga ukuba intaka zezulu zipumle pezu kwabo emini, nezilo zasendle ebusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
URitspa, intombi ka-Aya, wathabatha ingubo erhwexayo, wazanekela eweni, esusela ekuqaleni kokuvuna, wezisa ekuthululweni kwamanzi ezulwini phezu kwabo; akavuma ukuba iintaka zezulu zithi vu phezu kwabo emini, namarhamncwa asendle ebusuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRitspa, intombi ka-Aya, wathabatha iingubo ezimnyama, wazandlala phezu kwakhe eweni, kususela ekuqalekeni kokuvuna, ada awela amanzi phezu kwabo, esibhakabhakeni, ukuba zingavuki iintaka zezulu ngokuhlwa phumla, namarhamncwa ebusuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uRizpa intombi ka-Aya wazenzela indlu yamarhonya kwelo litye babefele kulo, wahlala apho ukususela ngexesha lokuvuna kwada kwalixesha leemvula. Emini wayedla ngokugxotha amaxhalanga, aze ngokuhlwa agxothe amarhamncwa afuna ukudla ezo zidumbu.