2 Samuel 21:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waya u‐Davide, wasusa amatambo ka‐Saule, namatambo ka‐Jonatane unyana wake, kubo abemi base‐Yabeshe‐gileyadi, abebewebi̔le enkundleni yase‐Bete‐shane, apo ama‐Filistiya ebebaxo̔mile kona, nxa ama‐Filistiya abembulele u‐Saule e‐Giliboha;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide waya, wawathabatha amathambo kaSawule, namathambo kaYonatan unyana wakhe, kubemi baseYabheshe yeGiliyadi, ababewabile endaweni yembutho yaseBhete-shan, apho amaFilisti abebaxhome khona, mini amaFilisti ambulalayo uSawule eGilibhowa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wahamba waza wawathabatha amathambo kaSawule nonyana wakhe uYonatan kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, awayewabile kwindawo yembutho yaseBhete-shan, apho amaFilisti ayebaxhome khona, xa amaFilisti ebulala uSawule iGilibhowa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waya kuthatha amathambo kaSawule noJonatan kubantu baseJabheshe eGiliyadi. (Babewabe endaweni yembutho yaseBhete-shan apho yayixhonywe khona imizimba yabo ngamhla amaFilistiya abulala uSawule kwintaba iGilibhowa.)