2 Samuel 21:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bawancw̔aba amatambo ka‐Saule naka‐Jonatane unyana wake, elizweni lakwa‐Benjamine e‐Tsela, encw̔abeni lika‐Kishe uyise. Bakwenza konke abeyalele ngako ukumkani. Wada utixo wakungeleka ngenxa yelizwe emveni kwoko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe bawangcwabela ezweni lakwaBhenjamin eTsela, engcwabeni likaKishe uyise;bakwenza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Wandula wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe, angcwatyelwa ezweni lakwaBhenjamin, eSela, engcwabeni likaKishe uyise; benza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Kwaye ke uThixo wathandazwa ehlabathini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawafaka engcwabeni likaKishe uyise kaSawule amathambo kaSawule noJonatan eZela kummandla wakwaBhenjamin njengokomthetho kakumkani. Emva koko uThixo wayiva imithandazo yabo bethandazela ilizwe.