2 Samuel 21:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ama‐Filistiya ebenokulwa kanjako ngakubo o‐Sirayeli: wehla u‐Davide, nezicaka zake kunye naye, balwa nama‐Filistiya; wada u‐Davide wacubuka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabuya kwabakho ukulwa kwamaFilisti namaSirayeli, wehla uDavide enabakhonzi bakhe, balwa namaFilisti; watyhafa uDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo amaFilisti alwa kwakhona noonyana bakaSirayeli; Wehla uDavide, nabakhonzi bakhe balwa naye namaFilisti, ediniwe uDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwavuka enye imfazwe phakathi kwamaFilistiya namaSirayeli, wanduluka uDavide waya kulwa namaFilistiya enamadoda akhe. Balwa ke namaFilistiya, waza uDavide wadinwa kakhulu.