2 Samuel 21:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Abishai unyana ka‐Tseruya wamsiza, wambeta um‐Filistiya lowo, wamfisa. Andula amadoda ka‐Davide amfungela esiti: Akusayi kubuya upume nati ukuya ekulweni, uze ungacimi isibane so‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhishayi unyana kaTseruya wamnceda, wamxabela umFilisti lowo, wambulala. Aza amadoda kaDavide amfungela esithi, Uze ungabuyi uphume nathi uye ekulweni, ucime isibane samaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uAbhishayi unyana kaTseruya wamnceda, wamxabela umFilisti lowo, wambulala. Aza amadoda kaDavide amfungela, esithi, Uze ungabi sahamba nathi ekulweni, hleze ucime ukukhanya kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uAbhishayi, unyana kaZeruya, waya kunceda uDavide. Ufike wamhlasela loo mFilistiya, wamosela. Emva koko amadoda kaDavide enza isifungo athi: “Unakanye ukuba uphinde uye edabini kunye nathi, hleze isibane sakwaSirayeli sicinywe.”