2 Samuel 21:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabuya kwabako ukulwa e‐Gobe ngakuwo ama‐Filistiya: waza u‐Lehanane, unyana ka‐Yare‐oregime, um‐Beteleheme, wambulala umzalwana ka‐Goliyate um‐Gate, oluti lwentshuntshe belunjengomti wabaluki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi, apho uElihanan, unyana kaYahare-oregim waseBhetelehem, wamxabelayo uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaphinda kwabakho imfazwe namaFilisti eGobhi, waza uElihanan unyana kaYahare-oregime umBhetelehem umntakwabo Goliyati umGati, umkhonto wakhe wawunjengomthi wabaluki, wawoyisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuphinde kwabakho elinye idabi kunye namaFilistiya kwaseGobhi apho, waza uEl-hanani, unyana kaJayire umluki waseBhetelehem, wabulala khona uGoliyati waseGati owayephethe umkhonto ongangesibonda.