2 Samuel 21:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wababiza aba‐Gibeyone, wati kubo: (kekaloku aba‐Gibeyone bebengengabosapo luka‐Sirayeli, koko bebengabesisalela saba‐Amori; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabafungela; kodwa u‐Saule wafuna ukubabulala ebukweleni bake ngenxa yosapo luka‐Sirayeli no‐Juda:)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wababiza ke abaseGibheyon, wathi kubo (ke kaloku abaseGibheyon babengengabonyana bakaSirayeli, babengamaqongqolo ama-Amori; oonyana bakaSirayeli babewaqinisise ngesifungo;uSawule wafuna ukuwabulala ngokuzondelela kwakhe amaSirayeli namaYuda):
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wababiza abaseGibheyon, wathi kubo, (AbaseGibheyon babengengabo oonyana bakaSirayeli, kodwa babengamasalela ama-Amori; oonyana bakaSirayeli bafunga kubo, waza uSawule walinga ukubabulala ngekhwele lakhe oonyana bakaSirayeli nabakwaYuda.)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baseGibheyon bebengengawo amaSirayeli. Babeliqaqobana lama-Amori awathenjiswa ukukhuselwa ngamaSirayeli, kodwa uSawule walinga ukuwatshabalalisa, kuba etshiseka ngenxa yenkqubela yamaSirayeli namaJuda. UDavide ke wawabiza amaGibheyon,