2 Samuel 21:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
makunikwe kuti amadoda asixe̔nxe kubo onyana bayo, size siwaxo̔mele uyehova e‐Gibeha ka‐Saule, umqashwa kayehova. Wayesiti ukumkani: Ndiya kuwanika.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
makunikelwe kuthi isixhenxe samadoda koonyana bayo, siwabethelele eminqamlezweni kuYehova eGibheha kaSawule, umnyulwa kaYehova. Wathi ukumkani, Ndowanikela mna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Masinikwe amadoda abe sixhenxe koonyana bakhe, siwaxhome phambi koYehova, iGibheha kaSawule, onyuliweyo nguYehova. Wathi uYehova, Ndiya kubanika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
masinikwe amadoda abe sixhenxe kwinzala yayo, aye kuxhonywa phambi koNdikhoyo eGibheya, isixeko sikaSawule ukumkani owatyunjwa nguNdikhoyo.” Ukumkani wathi: “Kulungile, ndiza kunikhululela.”