2 Samuel 21:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ukumkani watabata onyana bobabini baka‐Ritsepa intombi ka‐Aya, owabazalela u‐Saule, u‐Aremoni no‐Mefiboshete; nonyana bobahlanu bodade bo‐Mikali intombi ka‐Saule, owabazalela u‐Hadriyeli unyana ka‐Barezilai um‐Mehola;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wathabatha oonyana ababini bakaRitspa intombi ka-Aya, awayizalela uSawule, uArmoni noMefibhoshete; noonyana abahlanu bakaMeribha intombi kaSawule, awabazalela uAdriyeli unyana kaBharzilayi waseMehola.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wathabatha oonyana ababini bakaRitspa, intombi ka-Aya, awabazalela uSawule, uArmoni noMefibhoshete; noonyana abahlanu bakaMikali, intombi kaSawule, awabanyusela kuAdriyeli, unyana kaBharsilayi, waseMehola;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke wakhupha uArmoni kunye noMefibhoshete, oonyana ababini bakaRizpa intombi ka-Aya eyabazalela uSawule, kunye noonyana abahlanu bentombi kaSawule uMerabhi eyabazalela uAdriyeli unyana kaBhazilayi waseMehola,