2 Samuel 23:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wesuka yena, wabulala ama‐Filistiya sada sadinwa isandla sake, sati nama isandla sake eṙeleni: waza uyehova wenza usindiso olukulu ngalomhla; bati abantu babuyela emva kwake ngenxa yokupanga kupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, sanamathela ekreleni isandla sakhe; uYehova wenza usindiso olukhulu ngaloo mini; abuya amadoda lawo, emlandela, esiya kuphanga kuphela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.