2 Samuel 23:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko emva kwake u‐Shama, unyana ka‐Age, um‐Harari. Kekaloku ama‐Filistiya ebebutene abe libandla, apo bekuko kona isahlulo somhlaba sizele zilentile; baza abantu besaba ebusweni bama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari.AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwakhe nguShama unyana ka-Age, uMoharari. Yaye amaFilisti ahlanganisana ndawonye, apho intsimi yayizele ziimbotyi; asaba amadoda phambi kwamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli,