2 Samuel 23:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Makube lé kum, Yehova! ukuba ndiyenze lento; ndiya kusela igazi lalamadoda na, abehamba ngokubuncama ubomi bawo? ngako ebengavumi ukuwasela. Ezizinto azenza lawomagoṙa matatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambe encame imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko! ngoko ke, akazange akuthande ukuwasela. Yiloo nto eyenza loo magorha mathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi. Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.