2 Samuel 23:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo u‐Abishai, umninawe ka‐Jowabi, unyana ka‐Tseruya, ebeyintloko yabatatu: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu matatu abahlatyiweyo nguye, waza wanegama pakati kwabatatu abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywayo. Wayenegama ke kwabo bathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, waye eyintloko yabathathu. Wajula umkhonto wakhe kumakhulu amathathu, wababulala; laduma igama lakhe phakathi kwabathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.