2 Samuel 23:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kubo abatatu abo asi nguye na obekekileyo? ngako waba yinkosi yabo; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ebengebekeke ngaphezu kwabo bathathu na? ngoko xa wayengumlawuli wabo; kodwa akafikanga kwabathathu bokuqala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.